top of page
_edited.png

Thandaza Izwi

POWER UP.jpg

Izwi linamandla! Masimeni kwisivumelwano naseZwini lika Thixo sithandaze ezivesi ze Bhayibhile sonke. Zinike Amandla rhoqo ngosuku ngokuthi uthandaze Izwi.

 

  1. Thixo, UnguMoya; ngoko ke, sikuKhonza ngo Moya nange Nyaniso. (UYohane 4:23-24)

  2. Indlu yakho iyakubizwa Indlu yomthandazo yentlanga zonke. (uMateyu 21:13; UIsaya 56:7)

  3. Bawo Thixo, sinochulumanco kukholo lethu, njengoko siqhubekeka ngomthandazo kananjalo siya Kubulela. (Kwabase Tesalonika 5:16-18)

  4. Sibulela Kuwe, Nkosi Thixo Engusimakade, lowo Unguye, wayenguye isenguye ozayo kuba ulawula ngawona mandla. (Isithyilelo 11:17)

  5. Nkosi, xa sikwisivumelwano sisonke silindile ngomthandazo othazamileyo, kuzakwenzeka kuthi. (UMateyu 18:19; IZenzo 1:14)

  6. Bawo, sigcwalise ngo lonwabo noxolo sihlale ethembeni ngaMandla wo Moya Wakho. (Kwabase Roma 15:13)

  7. Nkosi, asazi omasikuthandazele, kodwa UMoya wakho Oyingcwele uyasinceda xa singekhomandleni ngokwenza Umthandazo wezincwino ezingathethekiyo. (Kwabese Roma 8:26)

  8. Nkosi UYesu, Wenza ngokugqhithisileyo nangaphezulu koko sikucelayo okanye esikucingayo, ngokwa mandla asebenza ngaphakathi kwethu. (Kwabase Efese 3:20)

  9. Siyakuhlala sithandaza, kwaye asoze sinikezele. (ULuka 18:1)

  10. Sihleli siqaphele, isidima nobungcathu emthandazweni yethu. (1 KaPetros 4:7)

  11. Nkosi, siyahlambulula iziphoso zethu, imikhuba kunye nezono. Sithandazela impiliso nenkululeko kuba isikhungo selungusa sinamandla kakhulu kwaye siyeyisa. (EkaYakobi 5:16)

  12. Bawo, siza kuwe ngokuzethemba kwi Trone yakho yobabalo, ukuze sizuze inceba nobabalo ngesha elifanelekileyo. (Kumahebhere 4:16)

  13. Sikholisiwe—nasebunzimeni, nesezingxingogweni nentsokolo-kuba xasiswele amandla kuxa sisemandleni Kuwe. (2 Kwabase Koririnte 12:9-10)

  14. Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu. (Kwabase Filipi 4:13)

  15. Nkosi, Unika amandla xa sityhafile. Ke bona abathembele kuWe baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya bangadinwa, bahambe bangatyhafi. (UIsaya 40:29-31)

  16. Bawo wethu Osemazulwini, siyabhiyoza sisethembeni, kwaye sinomonde kwimbandezelo zethu njengokuba siqhubekeka emthandazweni. (Kwabase Roma 12:12)

  17. Thixo Bawo, Awusinikanga umoya wobugwala wokoyika, kodwa owamandla, uthando, kunye ne nengqondo ezinzileyo. ( 2 Kutimoti 1:7)

  18. Nkosi, siqubula sonke isikrweqe sikaThixo ukuze sibe nako ukuchasa ngemihla emibi. Kuwe, simile asigungqi kuba singabanqobi. (Kwabase Efese 6:13)

  19. Nkosi UYesu, Kuwe simnqobile umthyoli. Ungoyena Omkhulu ngaphakathi kuthi Kuna lowo usehlabathini. (1 UYohane 4:4)

  20. Thixo Bawo, njengoko imithandazo yethu inyukela kwiTrone yakho, Uthumela Amandla emhlabeni. (Isityhilelo 8:4-5; Izenzo 2:1-3)

  21. Nkosi, UnguThixo wasemazulwini, kwaye uyalawula kubo bonke ookumkani bezizwe. Esandleni sakho kukho amandla, akekho onokumelana Nawe. (2 Yookumkani 20:6)

  22. Iintsika zeseMazulwini ziyanyenganyenga ziphasalake kwisikhalimeli Sakho. Ngokuqonda Kwakho, Uqwabulula inqwithelo neendudumo zayo. ngesandla Sakho, uyayihlaba inyoka enyebelezayo. (Uyobhi 26:11-14)

Amandla Phezulu

UThixo usibizela ukuba sibuyele kwiNdlu yoMthandazo. Ekuphela kwendlela uMzantsi Afrika oya kubona ngayo ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwendalo kungomthandazo. Qhubeka uthandaza, ume, ungayeki. Lixesha lokufumana AMANDLA!

 

Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. (IsiTyhilelo 8:4-5)

PRAY4SA ARC
bottom of page