top of page
_edited.png
POWER UP.jpg

Iveki 2: Qhubeka Uthandaza

1. Qhubeka Uthandaza

​

Izibhalo zithetha ngemfazwe enkulu emazulwini. (isiThyilelo 12) uDaniyeli wayebophile ethandaza iintsuku ezi 21 xa ingelosi yamfikela yathi ufike kwizandi zamazwi ka Daniyeli. Kodwa ingelosi yayilibazesekile emfazweni. (Daniyeli 10:12-13)

 

Akufuneki siyeke ukwethemba u Thixo eMzantsi Afrika. Kuyenzeka siphele amandla xa sithandaza singaboni mahluko. Sisemfazweni, kodwa uThixo uzakusinika uloyiso. Hlalani nithandaza nime ningagungqi.

 

Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi. (Kwabase Efese 6:13)

​

​

2. Lungiselela - Umlo

​

  • UDaniyeli wabopha wathandaza iiveki ezintathu. UThixo angakucela ubophe okanye uthandaze ubusuku bonke. Uzilungiselele kwaye uqaphele?

 

  • Xa abantu bethetha kakubi ngoMzantsi Afrika, uyavumelana nabo, okanye uguqula inkulumo yabo? Uyanikezela, okanye uhlala ekholweni unyaniseke?

​

THANDAZA: Nkosi, simile emthandazweni ngesizwe sethu. Asipheli mandla kuba Uyasilwela. Ukunqoba kwethu kuKuwe. Ameni

​

​

3. Amandla Phezulu

​

Ngamanye amaxesha kungajongeka ngathi xa sithandaza kakhulu, izinto ziyangokubanzima. Kungabonakala ngathi umtyholi uyanqoba ekwathatha nendawo, kodwa ukuba siya qhubekeka ngomthandazo, asoze singaphumeleli. UPawulosi no Silasi babesentolongweni, kodwa ba qhubekeka bethandaza bevuma namaculo kamoya kwade kwase zinzulwini zobusuku. Kwathi ngesaquphe, uThixo wanyenyisa amatyathanga wavula neengcango zentolongo.

 

Masiqhubekeke sidumisa sikholelwe kuThixo, naxa wambi I imeko eMzantsi Afrika zijongeka ngathi akukho sisombululo. Qhubeka uthandaza kuba uThixo uyakuguqula izimiselo.

 

Hlalani nivuya, Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani. (1 Kwabase Tesalonika 5:16-18)

​

​

4. Thandazela uMzantsi Afrika

 

Beka ixesha bucala kwaye uthandazele ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwemvelo eMzantsi Afrika. 

Amandla Phezulu

UThixo usibizela ukuba sibuyele kwiNdlu yoMthandazo. Ekuphela kwendlela uMzantsi Afrika oya kubona ngayo ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwendalo kungomthandazo. Qhubeka uthandaza, ume, ungayeki. Lixesha lokufumana AMANDLA!

 

Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. (IsiTyhilelo 8:4-5)

PRAY4SA ARC
bottom of page