top of page
_edited.png
POWER UP.jpg

Iveki 3: Intshukumo

1. Intshukumo

​

AmaKristu mandulo ayengama Nazarethe—bengabalulekanga—kodwa babe ngootata noomama bomthandazo ababe namandla. Xa umthetho wezokholo wawubangcikiva, Bathandaza. Xa iziphatha mandla zabavalela entilongweni, Bathandaza. Zange baphele mandla. UThixo washukumisha intilongo, waqhawula amatyathanga wabakhulula.

 

Singangabantu abaqhelekileyo, kodwa xa sinokuqhubekeka emthandazweni, sizakumbona UThixo eshukumisa amazulu nomhlaba esenzela thina. masisikelele intshukumo eMzantsi Afrika.

 

Ezinzulwini zobusuku uPawulosi noSilasi babethandaza becula, bevuma amaculo ku Thixo, ababebotshwe naye babemamele kubo. Ngelingeni kwabakho ushukumo lomhlaba, yashukumisa isiseko sasentilongweni. Amasango atsho avuleka amatyathanga abo anyenyiseka. (Izenzo 16:25-26)

​

​

2. Thandaza Ngokungathi Akhomntu Ukwaziyo

​

  • Uzibona njengenani, ucinge, “ndingenza ntoni?” Okanye uyakholelwa kwiZibhalo ezingcwele xa zisithi pha ku Johane 4:4? Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini. (1 UYohane 4:4)

 

  • Zithini ke iimeko eMzantsi Afrika, nakwilizwe lonke, ezifuna uThixo azishukumise? Thatha ithuba ubhale phantsi uthandaze phezu kwazo.

 

THANDAZA: Nkosi UYesu, siyagqiba, makwenzeka intshukumo eMzantsi Afrika. Sithetha uKhanyo nobomi Bakho kwisizwe zethu. Mabudede ubumnyama, njengoko uqhawula onke amatyathanga. Ameni

​

​

3. Amandla Phezulu

​

Akufuneki sicinge ukuba uThixo angekhe asisebenzise, okanye asibalulekanga kangako ukwenza umahluko. Xa sinemilomo, singathandaza. Xa sisemthandazweni, sinxulumana noThixo, kwaye Uhlala ecaleni kwethu. Lonto ithi, asingobantu nje, singabantwana bakaThixo.

 

Sinawo amandla okuthetha uzinzo lukaThixo eMzantsi Afrika. Yiyo lonto kunamandla ukuthandaza izwi.

 

UYesu waxelela abafundi bakhe ibali ngokubaluleka komthandazo unganikezeli. (KuLuka 18:1)

​

​

4. Thandazela uMzantsi Afrika

 

Beka ixesha bucala kwaye uthandazele ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwendalo eMzantsi Afrika. 

Amandla Phezulu

UThixo usibizela ukuba sibuyele kwiNdlu yoMthandazo. Ekuphela kwendlela uMzantsi Afrika oya kubona ngayo ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwendalo kungomthandazo. Qhubeka uthandaza, ume, ungayeki. Lixesha lokufumana AMANDLA!

 

Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. (IsiTyhilelo 8:4-5)

PRAY4SA ARC
bottom of page