top of page
_edited.png
POWER UP.jpg

Iveki 4: Umthandazo Ongoyikiyo

1. Umthandazo ovuthayo

 

KuLuka 24:49, UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bahlale eJerusalemu balindele amandla kaThixo afike. Emva kokuba uYesu enyukele emaZulwini, bajongana nongcikivo olusuka kwipolitiki nakuzo iinkokheli zezenkolo. Babeyi 120 yabantu, bethandaza belinde kuThixo egumbini elinye, bemi kwisithembiso Sakhe. (Izenzo 2:4-8) Kwabakho inguquko emhlabeni. Amandla ka Moya Oyingcwele ahlela kubo njengo moya nomlilo! Ngesaquphe, bonke bagcwaliswa ngamandla kaThixo.

 

Iqaqobana labantu abengento baguqula Ihlabathi ngaphantsi nangaphezulu ngamandla kaThixo kuba babethandaza beyimbumba. Yibanombono kungenzeka ntoni eMzantsi Afrika ukuba singenza ngolohlobo.

 

Baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye, kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi esabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke, Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele. (IZenzo 2:1-3)

​

​

2. Simile Sisonke

​

  • Uziphendula njani iimeko zase Mzantsi Afrika? Uthetha ngokuchasa urhulumente no nomongameli? Ugxeka abantu, okanye ulinda kuThixo emthandazweni?

 

  • Usapho lwe #PRAY4SA alukwazi ukuhlangana, kodwa singahlangana sonke ngokuvumelana emthandazweni. Umile nathi kwaye uthandaza uneminqweno?

 

THANDAZA: Nkosi Bawo, njengoko simile siyimbumba ngoMzantsi Afrika, sibiza amandla Akho. Siyakholwa yinqubo yoMoya Wakho achukumise esisizwe, nehlabathi lonke jikelele. Ameni

​

​

3. Amandla Phezulu

​

Umthandazo awugomthandazo nje. UYesu wathi xa bethe abantu ababini bavumelana entweni besemthandazweni, uza kuYenza. (uMateyu 18:19) Xa simile siyimbumba kwaye sivumelana nge Lizwi lika Thixo, uThixo uthumela amandla Akhe.

 

UThixo uyaziva izicelo nezikhungo zethu ngo Mzantsi Afrika. UMoya Wakhe unathi. Masilindeni Enkosini—sisonke.

 

Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye. (IZenzo 1:14)

​

​

4. Thandazela uMzantsi Afrika

​

Beka ixesha bucala kwaye uthandazele ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwemvelo eMzantsi Afrika. 

Amandla Phezulu

UThixo usibizela ukuba sibuyele kwiNdlu yoMthandazo. Ekuphela kwendlela uMzantsi Afrika oya kubona ngayo ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwendalo kungomthandazo. Qhubeka uthandaza, ume, ungayeki. Lixesha lokufumana AMANDLA!

 

Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. (IsiTyhilelo 8:4-5)

PRAY4SA ARC
bottom of page