top of page
_edited.png
POWER UP.jpg

Iveki 5: Amandla Womthandazo

1. Amandla Womthandazo

​

Isityhilelo 8 sithi xa abantu baka Thixo Bathandaza, ingelosi iyawunyusa loomthandazo phambi kweTrone yesibingelelo kaThixo. Ingelosi yabeka lomithandazo engazani no koyika kwisitya sesiqhumiso wasiphosa emhlabeni, uThixo wathumela indudumo, ukubaneka kunye nokuvuleka komhlaba.

 

Xa besinokuhlala sithandaza, uThixo unokusilwela. Uthatha imithandazo yethu aqhawule amatyathanga ahlangeneyo yezigigaba namacebo kamtyholi. Xa sithumela amandla omthandazo, xa sithandaza sisonke, sizakubona ubukumnkani bukaThixo kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.

 

Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. (IsiTyhilelo 8:4-5)

​

​

2. Ndinawo Amandla?

​

  • Uthandaza xa uqinisekile okanye ngumsebenzi? Okanye, uqaphela ukuba Umthandazo unamandla—koko uThixo uyawubona awuphendule.

 

  • Uthandaza ngokugqibeleleyo ngo Mzantsi Afrika nosapho lwase #PRAY4SA? Calula abantu abakwaziyo ngokuzimisela kwakho, ukuze uqhube umile uthandaza.

 

THANDAZA: Bawowethu Osemazulwini, siyabulela xa sithandazela uMzantsi Afrika, Uthumela amandlakazi aKho atshabalalisa onke amacebo obumnyama. Ameni

​

​

3. Amandla Phezulu

​

Xa imithandazo yethu isenyukela, uThixo uzakujongana nezinto ezithintela izithembiso Zakhe. Siyawufuthanisela UMzantsi Afrika xa simile kwisivumelwano somthandazo sithandaza sonke njengo sapho lwase #PRAY4SA. Xa sithandaza rhoqo, umtyholi uyangcangcazela.

 

UThixo uzisa indlu kamoya yomthandazo. Uzakuzibonakalisa kuthi ngamandla aKhe nangenkazimulo. Qhubekekani nithandaza!

 

Ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke. (UIsaya 56:7)

​

​

4. Thandazela uMzantsi Afrika

​

Beka ixesha bucala kwaye uthandazele ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwemvelo eMzantsi Afrika. 

Amandla Phezulu

UThixo usibizela ukuba sibuyele kwiNdlu yoMthandazo. Ekuphela kwendlela uMzantsi Afrika oya kubona ngayo ukungenelela kukaThixo okungaphaya kwendalo kungomthandazo. Qhubeka uthandaza, ume, ungayeki. Lixesha lokufumana AMANDLA!

 

Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. (IsiTyhilelo 8:4-5)

PRAY4SA ARC
bottom of page