top of page
BROKEN - SA COVER 1.jpg
_edited.png

Iveki 4: Ukwaphuka Nokuthobela

1. WAHLUKILE KWAYE UTHOBELE

 

Xa sisenza ngokwethu umsebenzi okanye imiyalelo kaThixo ngendlela yethu, asithobeli. AmaKristu amaninzi azelwe ngokutsha, afunda iLizwi, athandaze kwaye afune ukuxolelwa izono zawo, kodwa abafuni kukwenza oko ngendlela kaThixo. KwiZenzo 9, sifunda ngendlela uSawule awawatshutshisa ngayo wawabulala amaKristu, ecinga ukuba wayesebenzela uThixo yaye ephila ubomi obungcwele. Wayecinga ukuba koko uThixo wayefuna akwenze.

 

Kuyo yonke iTestamente eNtsha, abapostile babezibiza ngokuba ngamakhoboka kaYesu Krestu ngenxa yokuba babezithobile kwaye bemthobela. Kwabase-Efese 2:2 nakwabaseKolose 3:6 bathi sasingabantwana bokungathobeli de uYehova wasisindisa wasitshintsha. Kuphela kungoncedo loMoya oyiNgcwele, iGazi leMvana, nangamandla kaThixo ukuba sisuse ubume bethu obudala. Kufuneka sizinikele ngokupheleleyo kuye.

 

 

2. LUNGISELELA UKUHLUPHEKA

 

  • UPawulos wathi, “ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla; ubulungisa obusemthethweni, ndingenakusoleka (KwabaseFilipi 3:6)

 

  • Ngaphambi kokuba uSawule abe nguPawulos, wayengenakusoleka ekuwugcineni umthetho, kodwa imilinganiselo yakhe nobuntu bakhe batshintsha xa wadibana noKristu. UYesu wamxelela ukuba kwakuza kufuneka abandezeleke kangakanani na ngenxa yakhe, waza wazilungiselela.

 

THANDAZO: Bawo siyaguquka ngokungathobeli nokwenza izinto ngendlela yethu kuba sasingafuni ukuhlupheka. Sitshintsheni ke, ukuze sibe ngabakhonzi abavumayo nabathobelayo kaKristu. Amen.

 

 

3. YAPHULEKILEYO

 

UPawulos wathi,Kodwa okunene, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam, endithe ngenxa yakhe ndalahlekelwa zizinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu, ndifunyanwe ndikuye. KwabaseFilipi 3:8-9 ( NKJV).

 

Simele sithabathe usiba olubomvu size sibhale ngoonobumba abakhulu kuyo yonke into yokwenyama—izinto esizifezileyo nezibalulekileyo—igama elithi: UKULAHLEKA. Ezo zinto azinakusizisa naphi na kuBukumkani bukaThixo. UYesu Kristu uxabiseke yaye uzuke ngaphezu kwazo zonke izinto zenyama. Ekuphela kwenjongo yethu mayibe kukumazi. Yonke enye into mayihambe. 

 

Simele sivumele uThixo asebenzise ukubandezeleka kwethu ukuze asenze sifane noYesu. UMzantsi Afrika uya kubona amandla akhe kuphela ngokwaphuka kwethu.

 

​

4. #THANDAZA4SA

 

Beka ixesha bucala kwaye uthandaze ukuba uMzantsi Afrika ubone amandla kaThixo ngokuqhekeka kwethu.

Yaphukileyo

UYesu akazange avumele ukwaliwa, ukubandezeleka, neentlungu ukuba ziyenze lukhuni intliziyo yakhe. Endaweni yoko, wophuka waza wabuthulula ubomi bakhe ngenxa yethu. 

 

Masilandele umzekelo wakhe sivumele uThixo asebenzise ukophuka kwethu ukukhulula imiphefumlo eMzantsi Afrika.

 

“Umbingelelo wam [umbingelelo owamkelekileyo] kuThixo ngumoya owaphukileyo; intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo [eyaphukileyo ngenxa yesono nokuthobeka nokuguquka ngokucokisekileyo], onjalo, Thixo, akuyi kuyidela.” INdumiso 51:17

PRAY4SA ARC
bottom of page